






102 BONA XHOSA  July 1995



IIRESIPI EZILINGIWE YO
NEZIVA VANYWE NGABAKWAROYAL


20m1 yeSNOWFLAKE SELF-RAISING CAKE
FLOUR (140g)
5m1 yetyuwa
5m1 yeRoyal baking powder
5m1 yemixed dried herbs OKANYE i-15m1
yechopped fresh herbs
15m1 ye-Epic oil
250m1 yebhiya engahlwahlwaziyo
1kg yefrozen hake fillets, ziyekwe
zinyibilike
iEpic oil yokuqhotsa
1. Sefa iflawa netyuwa. Galela ibaking
powder, imithana yokunonga, ioyile
nebhiya.
2. Ihake fillets zigqume ngomxube
weflawa, yithi nkxu entlameni, qhotsa
kwioyile eninzi. Yibeke kwipaper towel
ukuze kukhameke ioyile.
Baphe neTartare Sauce.

ITARTARE SAUCE
250m1 yeKraft mayonnaise
2 amaqanda, abiliswe kakhulu
anqunqisiswe
10ml yeegherkin ezinqunqisisiweyo
(ukuba uyathanda)
2 yespring onions, inqunqisiwe
5m1 yedried parsley OKANYE i- 15m1 yefresh parsley enqunqisisiweyo 5m1 yedried tarragon OKANYE i-15m1 yefresh yetarragon enqunqisisiweyo
Xubisisa zonke izithako, sibekela, faka efrijini.
Yanela aba-4.
IIROCKS
250m1 yeSNOWFLAKE CAKE FLOUR (140g)
250m1 yeSNOWFLAKE NUTTY WHEAT FLOUR
(150g)
10ml yeRoyal baking powder
intwana yetyuwa
20m1 yeswekile emdaka ngebala (160g)
125g yeBlossom margarine
iqanda elikhulu kakhulu, liqhuqhwe nje
125m1 yobisi
15g yeerasentyisi namandongomane
(250m1)
1. Izithako ezomileyo zisefele esityeni
Galela iswekile.
2. Bhuqabhuqa imagarini de lo mxube
ube ngathi ziimvuthuluka zesonka.
3. Xuba iqanda nobisi. Vula umngxuma
embindini wezithako ezomileyo.
4. Xa usagalela amaqanda nobisi
olwaneleyo xuba ukuze kuyileke umxube obumanzi.
5. Galela isiqhamo namandongomane athandwa nguwe. Xubisisa.
6. Intlama yigalele ngetispuni kwitreyi yokubhaka ethanjisiweyo.
7. Bhaka kwionti eku-200C (400F) imizuzu eli 10 ukuya kweli-15.

EZINYE IINCASA
Sebenzisa i-250m1 yazo naziphi okanye intlanganisela yezi zithako zilandelayo:
Iicherries, amandongomane, iimvuthuluka zetshokolethi nezedatlisi. Iirasentyisi nexolo leorenji elisandul' ukugreyithwa.
Xuba umxube womqwayitho wesiqhamo necornflakes. Iminqathe egreyithiweyo ekrwada, 5m1 yecinnamon ne-10ml yexolo le orenji. Galela izinongo nekoko kulo mxube.

ISAVOURY ROCKS
Landela iresipi engundoqo. yeke iswekile, iirasentyisi namandongomane:

250m1 yeBonnita Cheddar cheese egreyithiweyo (100g) itswele, lichutywe, linqunqwe 6 izilayi zebacon, zinqunqisiswe Qhotsa ibacon netswele de itswele likhameke amanzi.
OKANYE
Landela iresipi esisiseko. Galela izithako ezilandelayo:
375m1 yeBonnita Cheddar cheese egreyithiweyo(150g)
5m1 yemustard powder okanye umxube wezinongo
Unokwenza ama-42 emiqhathane.





BONA XHOSA-JULY 1995 105


Umhla wesi-4 kuJulayi nguMhla weNkulilleko eUnited States of America. Lo ngumhla obalulekileyo enyekeni kumaMelika yaye lo nyaka ngowama-219 amaMelika afumana inkululeko eBrithani. AmaMelika ebesibukele, ebhiyoza nathi ngomhla wama-27 kuApirili ekungumhla wenkululeko kweli, nathi masibhiyoze nawo kule mini yawo inkulu. Njengathi, amaMelika ayathanda ukubhiyozela le mini ibalulekileyo ngokwenza iminyhadala, ukuba neentsapho nabahlobo, nangokutya okumnandi.

Irayisi esemgangathweni ilinywa eMerika.

Ngaphezu kweminyaka engama-90 phambi kokuba amaMelika afumane inkululeko kwiBrithani, irayisi ibinxalenye yokutya kwawo. Ingaphezu kwama-300 iminyaka iUnited States of America ilima yaye ithumela irayisi esemgangathweni kumazwe 



ngamazwe. Kuyacaca ke ukuba ngomhla we-4 kuJulayi irayisi ingundoqo kwiminyhadala yamaMelika. EMzantsi-Afrika yonke irayisi ivela kwamanye amazwe, kodwa nathi sinokonwabela ukutya okuthandwa ngamaMelika. Iindidi zerayisi eziphambili eMzantsi-Afrika zisebenzisa irayisi esemgangathweni elinywa eMelika.
Ukuze ungcamle umbhiyozo waseMelika zama le resipi iluncuthu usebenzisa irayisi esemgangathweni nelinywa eMelika.
Ezinye iiresipi zerayisi neziluncuthu ziza kuboniswa kumabonakude ngomhla woku-1 nowe-8 kujulayi ka-1995, ngeentsasa zangomGqibelo ngeye-9:00 kusasa kwinkqubo ethi Opposites And Equals. Abaphumelele kukhuphiswano lweRice Grown in America/Kelvinator baya kwaziswa kwiOppositesAndEquals ngomhla wesi-8 kujulayi ka-1995.

IHEARTY CHECKEN AND RICE SOUP  
itswele eliphakathi ngobukhulu,
linqunqwe
 


250g yecelery enqunqwe yazizilayi
250g yeminqathe enqunqwe
yazizilayi
60g yeparsley esandul' ukuvunwa,
inqunqwe
isi- 1/2 setispuni yeblack pepper
egutyiweyo
isi- 1/2 setispuni yamagqabi ethyme
awomileyo
ibay leaf
21/2 yelitha yomhluzi wenyama yenkuku
375g yamaqatha enyama yenkuku
500g yerayisi elinywe eMerika,
2 amacephe encindi yelamuni osandul ukuyenza
Izilayi zelamuni zokuhombisa Xuba itswele, icelery, iminqathe, iparsley, ithyme, ibay leaf nomhluzi wenyama yenkuku esityeni sokupheka eontini. Bilisa zamisa kanye okanye kabini. Ntyontyisa ungayisibekelanga imizuzu eli-10 ukuya kweli-15. Galela amaqatha enyama yenkuku - ntyontyisa ungayisibekelanga imizuzu emi-5 ukuya kweli-10 okanye de inyama yenkuku ivuthwe. Khupha ibay leaf. Xuba irayisi nencindi yelamuni phambi kokuba ubaphe. Hombisa ngezilayi zelamuni. Inokwanela abasi-8.

Ekubhiyozeleni uMhla weNkululeko wokuqala eMzantsi-Afrika noMhla weNkululeko yaseMelika iUSA Rice Federation ivelise incwadana entsha yeresipi ethi Recipes For The New South Africa With Rice Grown In America. Ukuze ufumane incwadi yakho yasimahla thumela le khuphoni ingezantsi.




1O6 BONA XHOSA -July 1995

Veronica Mkari

UKUBA UHLALA
EMTATA.

Nali ithuba lakho lokuza
KWIRAMA/BONA WOMEN'S CLUB



UMHLA: NgoMgqibelo, 8 Julayi
1995
INDAWO: eCity Hall eMtata
IXESHA: Ngentsimbi ye-2 emva kwemini ukuya kweye-4:30 malanga
ISITHETHI SEMBEKO: nguGqr. Hlatshwayo-Moleah
UMXHOLO: lzifo Zokungondleki Nezentlalo Ezixhaphakileyo eMzantsi-Afrika

Amanenekazi aseMtata ayamenywa ukuba aye kwindibano yeRama/Bona
ethembisa ngokubang' umdla nemincili njengezinye iindibano esibe nazo nqaphambili. (Gqr. Hlatshwayo-Moleah. oza kube esisithethi sembeko, unesidanqa seBsc in Food Science and Nutrition asifumene kwiYunivesithi yaseNatala ePietermaritzburg, ufundele isidanga seMasters eRode Island University eKingston, eUSA, uzuze nePH. D kwiInternational Nutrition Cornell University eItacha, eNew York. Sibhala nje uliSekela loMlawuli wePrimary Health Care Research Unit kwiYunivesithi yaseTranskei eMtata.
Isazi nqoqosho lwasekhaya uVeronica Mkari uza kube ekho ebonisa iindlela zokupheka njengesiqhelo, kuza kuba kukho nezinye izinto ezonwabisayo. Njengakuzo zonke iindibano, kuza kutsalwa amatikiti abawelwe ngumqa esandleni abaya kuzuza amabhaso eemveliso zakwaRama. Kuza kuphungwa neti.
Ingakuphosi le ndibano ikuxhobisa ngolwazi, ukuze afumane indawo, amanenekazi acetyiswa ukuba afike kwangethuba.










107 BONA XHOSA JULY 1995


Khawuzame oku kutya kumnandi nokonga imali. Kuphekeka lula nangokukhawuleza.

IZITHAKO

100g (250m1) yemacaroni 1ml yetyuwa
25g (25m1) yeRama
25m1 yeflawa
250m1 yobisi
ityuwa nepepile zokwenza incasa 100g (250m1) yetshizi egeyithiweyo tumato ibenye, yenziwe iziayi

Yenza ionti yakho ibe kubushushu obuyi-180C. Thambisa isitya sokupheka eontini
1. Pheka imacaroni emanzini abilayo, agalelwe ityuwa, de ithambe uze ke ngoku uhluze amanzi.

2. Galela iRama, iflawa, ubisi, ityuwa nepepile embizeni uyibeke kubushushu obuphakathi de zithambe izithako zakho zijiye.
3. Susa esitovini ugalele isiqingatha setshizi.
4.Xuba imacaroni nesosi yetshizi uzigalele esityeni esingonakaliyo xa sifakwe eontini.
5. Beka izilayi zetumato ngaphezulu ufafaze itshizi ngaphezu kwayo. 6. Faka eontini imizuzu elishumi. Yibeke ku-grill de ibe mdaka ngebala imizuzu embalwa. Fafazela iparsley.


Le resipi icatshulwe kwiRamo Easy-To-Cook
Book. Bhalela kule dilesi xa unombuzo: P.O.Box
1091, Durban.4000.






















		1ONA XHOSA - July 1995 1()5

	NONWABE NEBONA NABAKWARAMA

		BONA XHOSA - Julv 1995 107IMACARONI CHEESE

108 BONA XHOSA - July 1995

